Exodus 16:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kwakulinganiswa ngeomere, obebute okuninzi akabanga nokupezulu, nobebute okuncinane akabanga nakuswela; babuta abanye ngabanye ngento engangokutya kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu;akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakuba belinganisa ngegomere, akashiywanga obuthe iqashiso, nobutha kancinane akaswelanga; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke athe akukufaka emlinganisweni ukutya oko afumanisa ukuba othathe kakhulu akagqithisanga, kanti ke nothathe kancinci akalambathi. Umntu ngamnye wathatha ngokwentswelo yakhe.