Exodus 16:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngomhla wesixe̔nxe, kwapuma inxenye yabantu ukuya kubuta, koko bengafumananga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye kwathi, bambi ebantwini baphuma ngomhla wesixhenxe besiya kubutha, kodwa ababona nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke nangoMhla wokuPhumla bambi abantu baphuma baya kufuna ukutya, nto nje abakufumananga.