Exodus 16:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaye usapo luka‐Sirayeli lusiti kubo: Akwaba sabesifele ezweni le‐Jipete ngesandla sikayehova, nxa sibe sihleli ngasezimbizeni zenyama, na nxa sibe sisitya isonka kwada kwahlutwa! ngokuba nisipumisile ukuza kulentlango, ukuba nibubise wonke lomhlambi ngokulamba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Ukuba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sidla izonka ezininzi; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nilibulale lonke eli bandla ngendlala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
athi kubo: “Akwaba *uNdikhoyo wayesibulalele eJiputa. Kaloku noko khona sasisitya inyama; kanti ke nokunye ukutya sasikutya side sikushiye. Kuba kucacile nisizise kule ntlango ukuze eli bandla xa lilonke nilichane ngendlala life.”