Exodus 16:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Bona ke, ndiya kuninisela isonka ezulwini; babeya kupuma abantu, babute into yemini nye ngemini yayo; ukuze ndibalinge, ukuba bohamba emtetweni wam, abayi kuhamba kuwo, kusinina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kunisa isonka siphuma ezulwini; yaye abantu bayaphuma baze baqokelele umlinganiselo othile imihla ngemihla, ukuze ndibavavanye enoba baya kuhamba emthethweni wam okanye akunjalo kusini na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Uyabona ke ndiza kuthoba ukutya kune njengemvula, ukuze nonke nitye. AmaSirayeli makaphume aye kuzicholela ukutya okulingene imini mihla le. Ndizimisele ukukhe ndiwavavanye ndiwaqonde ukuba azimisele na ukuwuthobela umyalelo wam.