Exodus 16:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nangokusa niya kwandula ukubona ubungcwalisa bukayehova; ngokuba evile ukuṙoṙa kwenu ngakuyehova: kekaloku tina siyinto nina, okokuba niṙoṙa ngakuti?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomso niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova; ngokuba ukuvile ukukrokra kwenu kuYehova. Kwaye singoobani na xa usikhalazela?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba ngomso kusasa niya kukubona ukuqaqamba kobukho bukaNdikhoyo. Kaloku yena uzivile izikhalazo zenu; gxebe besingoobani ukuba ningade nisikhalazele thina?”