Exodus 16:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo u‐Mosesi: Nxa uyehova aya kunipa ngokuhlwa inyama ukuba nitye, ati kwakusa anipe isonka ukuba nihlute, kwoba ngokuba uyehova evile ukuṙoṙa kwenu eniṙoṙa ngako ngakuye: kekaloku tina siyinto nina? akungakuti ukuṙoṙa kwenu, kungakuye uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukrokra kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses, Ekuninikeni kukaYehova inyama ngokuhlwa, noyidla, woninika ngomso isonka nenyama; ngokuba uYehova uyakuva ukukrokra kwenu enikhala ngako. Kwaye siyintoni? anixhalabelanga thina, kodwa nimkhalazela uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis waqhuba wathi: “UNdikhoyo uza kunipha inyama, nitye ngokuhlwa, kanti nakusasa uza kunipha isonka, nitye nihluthe, kuba uzivile izikrokro zenu enimkhalazela ngazo. Kakade ke besingoobani thina? Hayi bo! Anikrokreli thina, nikrokrela uNdikhoyo!”