Exodus 17:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa izandla zika‐Mosesi zaba nzima; ngako batabata ilitye, balibeka ngapantsi kwake, waza wahlala pezu kwalo: bati u‐Arone no‐Hure baxasa izandla zake, omnye engelinye icala, omnye engelinye; zaza izandla zake zati nqi lada latshona ilanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zaba nzima ke izandla zikaMoses; Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala phezu kwalo; Baziphakamisa ooAron noHure izandla zabo, omnye engapha, omnye engaphaya; zaza izandla zakhe zomelela lada latshona ilanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi akudinwa uMosis, uAron noYuri bamhlalisa elityeni, bamxhaka, baphakamisa iingalo zakhe lada latshona ilanga.