Exodus 17:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko abantu bebenxanelwa amanzi kona; bandula abantu baṙoṙa ngaku‐Mosesi, bati: Yinina lento ukuba usinyusile e‐Jipete, ukuze usibubise tina, nabantwana betu, nenkomo zetu, ngenxanwa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banxanelwe amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Nguwe owasikhupha eYiputa, ukuze usibulale ngenxano, thina, noonyana bethu, nemfuyo yethu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”