Exodus 17:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndiya kuma ebusweni bako kona, pezu kwelityekazi lase‐Horebe; wauya kubeta ilityekazi, kuze kupume amanzi kulo, ukuba basele abantu. Wenje njalo ke u‐Mosesi emehlweni abadala bo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndiya kuma nawe khona, phezu kweliwa laseHorebhe; yaye uya kulibetha iliwa, kuphume amanzi kulo ukuze basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwamadoda amakhulu akwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna uya kufika ndikulinde eliweni eHorebhe. Libethe iliwa elo. Kuya kumpompoza amanzi, amaSirayeli abe nokusela.” Yonke ke le nto uMosis wayenza ekunye namadoda amakhulu.