Exodus 17:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabiza igama lalondawo ngo‐Masa, nango‐Meriba, ngenxa yokupika kwosapo luka‐Sirayeli, nangenxa yokumlinga kwalo uyehova, lusiti: Uko na uyehova pakati kwetu, akako kusinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yengxabano yoonyana bakaSirayeli, nangenxa yokubuza kwabo kuYehova, besithi, uYehova uphakathi kwethu, akakho, kusini na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”