Exodus 18:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WATI u‐Yetero, umperisite wase‐Midiyane, usomfazi ka‐Mosesi, akuba evile konke utixo ebekwenzele u‐Mosesi no‐Sirayeli abantu bake, okokuba uyehova ebepumisile o‐Sirayeli e‐Jipete;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, umolokazana kaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzileyo kuMoses, nakubantu bakhe amaSirayeli, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uyise womka-Mosis uJetro, owayengumbingeleli waseMidiyan, weva ngezinto awayezenzelwe nguThixo uMosis kunye namaSirayeli, ukubakhupha kwakhe eJiputa.