Exodus 18:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yetero, usomfazi ka‐Mosesi, watabatela utixo idini lokutshiswa nemibingelelo: wayesiza u‐Arone, nabo bonke abadala bo‐Sirayeli, ukuza kutya isonka nosomfazi ka‐Mosesi ebusweni bukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, ukuba adle isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uJetro wenzela uThixo idini elitshiswayo neminye imibingelelo. Ke uAron, ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, beza baxhamla izidlo ezo kunye noJetro umkhwe kaMosis, bekhonza uThixo.