Exodus 18:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza usomfazi ka‐Mosesi, akubona konke owakwenzayo ebantwini, wati: Yinto nina lento uyenzayo ebantwini? kunganina ukuba uhlale wena wedwa, nokuba bonke abantu beme ngakuwe kwa sekuseni kude kuhlwe?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayibona uyise womkaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Kungani na, le nto uhlala wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayibona uninazala kaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Yini na, ukuba uhlale wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uJetro akuyibona le meko yokuxakeka kukaMosis, wabuza wathi: “Khawutsho, yintoni kanye le niyenzayo naba bantu bakho? Khona, ngani ukuba ube wedwa, bona beze bengumngcelele, bafike bakuphahle kwangentseni kude kuhlwe?”