Exodus 18:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako uya kufuna kubo bonke abantu amadoda omeleleyo, amoyikayo utixo, amadoda enyaniso, ayitiyayo inzuzo ekohlakeleyo; uwabeke pezu kwabo, abe ngabapati bamawaka, n abapati bamakulu, n abapati bamashumi mahlanu, nabapati bamashumi manye;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, uze uzilungisele amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, ayinyaniso, ayithiyileyo inkanuko; ubamisele ukuba babe ngabathetheli bamawaka, nabathetheli bamakhulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezulu khetha amadoda aziinkokheli ezifanelekileyo, uwamisele phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi angamahlanu njalo-njalo. La madoda ke mayibe ngabantu abamthobelayo uThixo, abathembekileyo, abantu abanganyobekiyo.