Exodus 18:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
baze bagwebe ebantwini ngamaxesha onke; kwaye kuya kuti, zonke indawo ezinkulu bozizisa kuwe, kodwa zonke indawo ezincinane mabazigwebe bona; kuze kube lula kuwe, bakutwalise nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zonke izinto ezinkulu ziya kuzizisa kuwe, zonke ezincinane baya kuzigweba; ngoko kuya kuba lula kuwe, bawuthwale nawe umthwalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wona isigxina sawo mayibe kukuchophela imicimbi yaba bantu. Imicimbi elula makayiphicothe ayilungise ngokwawo, ke yona imicimbi ewaxakayo ayizise kuwe. Ngale ndlela ke nawo aya kuba nenxaxheba kulo msebenzi wakho, akuphungulele umthwalo.