Exodus 18:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wanyula amadoda omeleleyo kubo bonke o‐Sirayeli, wawenza intloko pezu kwabantu, abapati bamawaka, n abapati bamakulu, n abapati bamashumi mahlanu, nabapati bamashumi manye;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawamisa aba ziintloko zabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wawakhetha amadoda afanelekileyo kumaSirayeli, wawamisela aziinkokheli phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu njalo-njalo.