Exodus 18:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ababegweba ebantwini ngamaxesha onke; indawo ezinqabileyo bazizisa kuye u‐Mosesi, kodwa zonke indawo ezincinane bazigweba bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Babethutha abantu ngalo lonke ixesha; Izinto ezinzima bazisa kuMoses, kodwa zonke ezincinane bazigweba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wona ke aba ngabalamli abavunyiweyo bokuphicotha imicimbi yamaSirayeli. Yonke imicimbi elula yayisonjululwa ngawo, ithi ke ewaxakayo ayigqithisele kuMosis.