Exodus 19:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngemini yesitatu, kwakusa, kwabako indudumo nemibane, nelifu elinzima pezu kwentaba, nentlokoma yexilongo inamandla kakulu; bada bangcangcazela bonke abantu ababesemnqubeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kakhulu; kangangokuba bonke abantu ababesenkampini bangcangcazela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentsasa yomhla wesithathu ke zavakala izabhokhwe zeendudumo, yabe yona ke imibane itshawuza, kwaza kwabonakala nelifu elingqingqwa apho entabeni. Asisathethi ke ngomtyangampo wexilongo owabetha kwathi nkxwee, kangangokuba abantu bagubha luloyiko esikhululweni.