Exodus 19:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza intaba ye‐Sinai yaquma umsi yonke, ngokokuba uyehova ebesihla pezu kwayo emlilweni: kanjalo umsi wayo wenyuka njengomsi wesidlangalala, yangcangcazela kakulu intaba yonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Intaba yeSinayi yaba ngumsi kwaphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni; wenyuka umsi apho njengomsi weziko lemfutho, yaza yanyikima kakhulu yonke intaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yonke intaba iSinayi yambathiswa sisithokothoko somsi, kuba uNdikhoyo wehlela kuyo engathi ungumlilo. Umsi lowo ke wanyuquza ngathi uphuma eziko, yaza intaba yanyikima ngamandla.