Exodus 19:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wati kuyehova: Abantu bakohliwe kukunyukela entabeni ye‐Sinai; ngokuba wena usiyalile, usiti: Misela intaba imida, uyingcwalise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka intaba yeSinayi; ngokuba wasiwisela umthetho, wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis waphendula wathi: “Kaloku, *Mhlekazi, abantu abanako ukunyuka beze entabeni, kuba ubusiyalile wathi intaba masiyahlule siyijikeleze ngomda, khon' ukuze kungabikho nto isondelayo kuyo.”