Exodus 19:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, ukuba niya kukutala ukuliva ilizwi lam, nilugcine ucebano lwam, noba yinto enqabileyo kum pezu kwazo zonke intlanga; ngokuba wonke umhlaba ungowam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ukuba nithe naliphulaphula ilizwi lam, nawugcina umnqophiso wam, niya kuba bubutyebi bempahla yam ngaphezu kwazo zonke iintlanga, kuba ihlabathi liphela lelam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke, ukuba niyandithobela, nenze ngokomnqophiso wam, niya kuba ngabantu bam ncakasana. Kaloku lelam ihlabathi liphela,