Exodus 19:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bapendula bonke abantu kwa kunye, bati: Konke akutetileyo uyehova siya kukwenza. Waza u‐Mosesi wawabuyisela kuyehova amazwi abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. Wawabuyisela uMoses amazwi abantu kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aphendula ke amaSirayeli xa ewonke athi: “Zonke izinto azithethayo uNdikhoyo siya kuzenza.” UMosis wawugqithisa ke umlomo wamaSirayeli kuNdikhoyo.