Exodus 19:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati uyehova ku‐Mosesi: Bona ke, ndiyeza kuwe elifini elibungqingqwa, ngenxa yokuba abantu beve ndakuteta nawe, nokuba bakolwe nguwe kude kube ngunapakade. Waye u‐Mosesi waxela amazwi abantu kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. uMoses wamxelela uYehova amazwi abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ndiza kuza kuwe ndikwilifu elingqingqwa, ukuze ndithethe nawe amaSirayeli ekho, khon' ukuze angaze akuthandabuze.” UMosis waxelela uNdikhoyo akuthethileyo amaSirayeli.