Exodus 2:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngezontsuku, nxa selekulile u‐Mosesi, wapuma waya kubo abazalwana bake, wabonela imitwalo yabo; wada wabona um‐Jipete ebeta um‐Hebere, owasebazalwaneni bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, akukhula uMoses, waphuma waya kunyamekela abazalwana bakhe nemithwalo yabo; wabulala umYiputa, owabulala umzalwana wakhe ongumHebhere.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis uthe akuba mdala wakhe watyelela amawabo, wawabukela esebenza nzima eqhutywa. Kwangelo xesha wabona umJiputa elimaza umwabo umHebhere.