Exodus 2:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati yona: Umiselwe ngubanina ukuba ube yinkosi nomgwebi pezu kwetu? Unga ungandibulala na, njengokuba ubulele um‐Jipete? Wandu ukwoyika u‐Mosesi, wati: Ngenyaniso lento yazekile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngukumkani nomgwebi wethu? Uza kundibulala na nam, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Iyaziwa le nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena wambuza wathi: “Sekungathi uyinduna nomgwebi nje, umiselwe ngubani? Ucinga ukuba ndingulaa mJiputa umbuleleyo – nam uza kundigebenga?” Akuweva la mazwi uMosis woyika, wathetha yedwa esithi: “Ithe kanti le nto iyaziwa!”