Exodus 2:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Faro akuba evile lendawo, wafuna ukumbulala u‐Mosesi. Koko wesaba u‐Mosesi ebusweni buka‐Faro, waya wema elizweni le‐Midiyane: wada wahlala pantsi ngasequleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses kuFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala ngasequleni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva le nto ukumkani watsho wafuna ukumbulala uMosis. Kambe ke yena uMosis wasaba, waya kuhlala kwelaseMidiyan. Ke kaloku umbingeleli waseMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe. Ngenye imini wathi uMosis esahleli ngasequleni, zafika zize kuthutha amanzi, ziwagalela emikhumbini ezaziselela kuyo iigusha zikayise.