Exodus 2:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute pakati kwezontsuku zininzi, wafa ukumkani we‐Jipete; lwaye usapo luka‐Sirayeli lwagula ngenxa yenkonzo, lwakala nokukala; kwaza ukubongoza kwalo kwenyukela kutixo ngenxa yenkonzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa.Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala;kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuhambeni kwexesha wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yobukhoboka, balila, bakhala ebukhobokeni kuThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwexesha elide ukumkani waseJiputa wafa. AmaSirayeli ayesancwina phantsi kwedyokhwe yobukhoboka. Isimbonono sawo, ecela ukukhululwa ebukhobokeni, sada saya kufikelela kuThixo.