Exodus 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko xeshekweni ebengasenako ukumfihla, wamtabatela umkombe wengcongolo, wawusinda ngodaka nangetywina, waza wabeka umntwana kuwo, wabeka wona pakati kwemikanzi ngaselugudwini lwomlambo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba engasenako ukumngcwaba, wamthabathela umkhombe wengcongolo, wawutyabeka ngodaka nebhitumene, wamfaka kuwo umntwana; Wawabeka elunxwemeni lomlambo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe akuba engasenako ukulufihla, walwenzela ibhaskiti ngemizi, waza wayityabeka ngetha, walufaka kuyo usana olo, waya kulubeka phakathi kweengcongolo elunxwemeni lomlambo.