Exodus 2:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku yehla intombi ka‐Faro ukuya kuhlamba emlanjeni; wati umtinjana wayo wahamba ngasecaleni lomlambo; yaza yabona umkombe pakati kwemikanzi, yatuma isicakazana sayo siye siwuzeke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; nantso intombazana ihamba elunxwemeni lomlambo; Wawubona umkhombe phakathi kwemikhumbi, wathuma umkhonzazana wakhe, ukuba awuthabathe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yesuka ke intombi kakumkani yeza kuhlamba apho emlanjeni. Ngeli thuba ke zona iintombi ezaziziimpelesi zenkosazana leyo zazizula-zula apho elunxwemeni lomlambo. Ithe ke, isahlamba njalo, yabona ibhaskiti eyayiphakathi kweengcongolo. Kwangoko yathuma enye yezo ntombi ukuba iye kuyithatha ize nayo.