Exodus 2:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati yakuba ivulile, yambona umntwana lowo; kekaloku bona ke, yinkwenkwana ilila; yaza yabetwa lusizi pezu kwayo, yati: Ngowakubo abantwana bama‐Hebere lo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba eyivula, wabona umntwana, nanko umntwana ekhala. Wasikwa yimfesane kakhulu, wathi, Ngomnye wabantwana bamaHebhere lo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ifikile ke nayo ibhaskiti leyo, inkosazana yayivula. Tyhini! Kuthe kanti lusana! Ngeli xesha ke usana lona lwalulila. Ithe ke yakuba ilondele usana olo inkosazana leyo, kwatsho kwasika kuyo, yathi: “Olu sana luya kuba ngomnye wabantwana bamaHebhere.”