Exodus 2:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandul’ ukuti udade wake kwintombi ka‐Faro: Ndoka ndiye na ndikubizele umanyisikazi kuwo ama‐Heberekazi, aze akwanyisele umntwana lo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndikubize na umfazi ongumnyisi phakathi kwamaHebherekazi, ukuba umanyise umntwana?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Udade bosana olo wadanduluka wabhekisa apho kwinkosazana wathi: “Akungethandi na ndiye kukufunela ineni phakathi kwabafazi bamaHebhere izokukugcinela olu sana?”