Exodus 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza intombi ka‐Faro yati kuye: Susa lomntwana, undanyisele yena, ndandiya kunika umvuzo wako. Waza umfazi lowo watabata umntwana, wamanyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise;ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umzise kum; ndokunika umvuzo wakho mna. Wamthabatha ke umfazi lowo umntwana, wamondla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke akufika inkosazana yathetha naye yathi: “Ndigcinele olu sana; ndokunika isondlo.” Bavumelana ke; waza umfazi lowo wamkhulisa loo mntwana.