Exodus 20:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa umhla wesixe̔nxe uyi‐Sabata kayehova, utixo wako; akuyi kwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wako, nentombi yako, n esicaka sako, nesicakakazi sako, nenkomo zako, nowasemzini wako opakati kwamasango ako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho.Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho; Uze ungenzi namnye umsebenzi ngayo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nemfuyo yakho, nowasemzini okuwe. Amasango:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu.