Exodus 20:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba ngemihla mitandatu wenza uyehova izulu nomhlaba, n olwandle, nako konke okukuzo, waza wapumla ngomhla wesixe̔nxe: ngoko wawutamsanqelisa uyehova umhla wesixe̔nxe, wawenza ngcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.