Exodus 20:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kundenzela isibingelo somhlaba, uze ubinge pezu kwaso amadini ako okutshiswa, neminikelo yako yoxolo, igusha zako, nenkabi zako: kuzo zonke indawo endiya kulenza igama lam likankanywe kona, ndoza kuwe, ndikutamsanqele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
undenzele isibingelelo somhlaba, wenze phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yombulelo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; naphi na apho ndithe ndalibiza khona igama lam, ndiya kuza kuwe, ndikusikelele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna ndenzeleni iqonga lamadini ngomhlaba, nize nithathe iinkomo, iigusha, okanye iibhokhwe, nenze ngazo amadini atshiswayo ngokunjalo namadini obudlelwane. Naphi na apho ndininike khona indawo yokunqula ndiya kuza ndinithamsanqelise.