Exodus 21:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni amadoda apikisana, ize enye ibete enye ngelitye, umhlaumbi ngesandla esifunjatiweyo, iti ke yona ingafi, koko ilele pezu kwomandlalo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokungathi abantu bayalwa, omnye wabetha omnye ngelitye, nangenqindi, akafa, wathabatha ukhuko lwakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba amadoda amabini axabene, yaza enye yabetha ngelitye okanye ngenqindi yayenzakalisa leyo ibisilwa nayo, kwaza kwafuneka ukuba khe ilale ngandletyana-nye,