Exodus 21:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba iyabuya ivuke, ihambe pandle ngomsimelelo wayo, ayiyi kuba natyala leyo eyayibetayo; kupela iya kuhlaulela ixesha lokupumla kwayo, yenze nokuba igqibele ukupoliswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wavuka, wahamba ngentonga yakhe, woba msulwa lowo umbethayo; nguye yedwa oya kuhlawula inkcitho yexesha lakhe aze amphilise ngokupheleleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ukuba ibuye yakwazi ukuhamba-hamba isimelela, mayingohlwaywa le yenzakalisileyo, nto nje mayihlawule eli xesha liyilahlekeleyo ngokulala igula, futhi iyinyange ide iphile.