Exodus 21:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa utengayo isicaka esingum‐Hebere, siya kukonza iminyaka ibe mitandatu; kodwa ngowesixe̔nxe sopuma sikululekile ngesisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wathenga ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka emithandathu; nangolwesixhenxe uya kuhamba ngokukhululekileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu othe wathenga ikhoboka elingumHebhere liya kumkhonza iminyaka ibe mithandathu, lize ngowesixhenxe likhululwe lingahlawulelwanga nto.