Exodus 21:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa, kanjalo, umntu abeta isicaka sake, umhlaumbi isicakakazi sake, ngentonga, side sife ngapantsi kwesandla sake, kwopindezelwa ke ngenyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe umntu wabetha ikhoboka lakhe nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe; wohlwaywa ngenene.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ukuba umntu ulibethe ngentonga ikhoboka lakhe eliyindoda noba libhinqile, laza lafa ngoko nangoko, makohlwaywe.