Exodus 21:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni amadoda angxolisana, asunduze umfazi omitiyo, size sipume isisu sake, koko kungeko kwenzakala, uya kuhlauliswa ngenyaniso owenje njalo, njengokuba iya kubeka pezu kwake indoda yalomfazi; uya kuhlaula pambi kwabagwebi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwabakho bubi emveni koko: wohlawuliswa ngenene, njengendoda yaloo mfazi, ibimbekile kuye; kwaye ahlawule ngokomyalelo wabagwebi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa ababini bethe besilwa baya kuphoseka kumfazi okhulelweyo, waza ngenxa yaloo nto akenzakala kodwa sona isisu saphuma, lo usisizekabani sale ntlekele uya kudliwa ngokubona kwendoda yaloo mfazi, yakuba icetyiswe ngabalamli.