Exodus 21:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni inkabi inqubayo indoda, umhlaumbi inkazana, ide ife, inkabi leyo yogityiselwa ngamatye ngenyaniso, nenyama yayo ayiyi kudliwa; kanti umnini wenkabi akayi kuba natyala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa:loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo;umnininkomo woba msulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba inkomo ithe yadla indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo; kodwa umnininkomo uya kukhululwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa inkunzi yenkomo yomntu othile ithe yahlaba umntu wafa, mayixulutywe ngamatye ide ife, inyama yayo ingàtyiwa. Ke yena umnini wayo akanatyala.