Exodus 21:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba inkabi ibiyenqubayo ngexesha lapambili, nokuba kunqi̔nelwe umniniyo, kanti akayigcinanga noko, yaza yafisa indoda, umhlaumbi inkazana, inkabi leyo yogityiselwa ngamatye, nomniniyo uya kufiswa naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ukuba inkomo ithe yahlaba ngesigodlo, walingqina umniniyo, akabuyeli, wabulala indoda nenkazana; iinkomo mazixulutywe ngamatye, nomninizo abulawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukuba inkomo leyo ibiqhelile ukuhlaba abantu, abe nomniniyo eyaliwe, kodwa akayigcina, yaza yahlaba umntu yambulala, mayixulutywe ngamatye ife, ngokunjalo nomniniyo abulawe.