Exodus 21:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba isicaka eso soqinisa ukuti: Ndiyatanda inkosi yam, n omfazi wam, nabantwana bam, andiyi kupuma ndikululekile;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umkhonzi uthe, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam; andiyi kuphuma ndikhululekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke xa lithe ngokuphandle: ‘Hayi, ndiyakholwa yinkosi yam, ndiyamthanda nomkam, ngokunjalo nabantwana bam, ngoko ke ndikhetha ukungakhululeki,’