Exodus 21:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yoti inkosi yaso isisondeze kubagwebi; ibuye isisondeze naselucangweni, umhlaumbi emgubasini; ize inkosi yaso icumbuze indlebe yaso ngenyatyowa, sasiya kuyikonza kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yokuzisa ke inkosi yakho kubaphathi; umsondeze elucangweni, nokuba emgubasini; inkosi yakho iya kuyigqobhoza indlebe ngomkhonto; yaye uya kumkhonza ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
inkosi yalo ke iya kulithatha ilise *esibingelelweni phambi kukaThixo; apho ke iya kulayamisa elucangweni okanye emgubasini, ize iligqobhoze indlebe ngenyatyhoba. Yakuba ilenjenjalo ke, liya kuba ngumkhonzi wayo bonke ubomi balo.