Exodus 21:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba siba sibi emehlweni enkosi yaso, esixamele yona, iya kwandula isikululise: ayiyi kuba nagunya okusitengisa ebantwini basemzini, ngokuba isipete ngenkohliso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe akayikholisa inkosi yakhe, ebimganele, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ukuba athengise ngaye ebantwini beentlanga, akayi kuba nagunya, ngokuba umlahlekisile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba indoda leyo ibiyithengile ukuba ibe ngumfazi wayo, ize ithi kamva inganeliseki yiyo, kufuneka ivumele abantu bakowayo ukuba bayikhulule ngokuyithenga. Akuvumelekanga ukuba isuke iyithengise kwabasemzini; kaloku izaphule izigqibo.