Exodus 22:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba uyaboleka omnye wabantu bam olihlwempu ngakuwe imali, akuyi kuba kuye njengomboleki obang’ inzuzo; akuyi kubeka pezu kwake inzuzo enkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wababoleka imali ihlwempu labantu bakowethu, uze ungaliboleki imali, ungalibizi nzala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa uboleke omnye kubantu bam abahlelelekileyo imali, mayingabi ngathi ùngumbolekisi-mali; ngoko ke sukumbiza nzala.