Exodus 22:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba yona isisigubungelo sake yodwa; iyingubo yake pezu kwentlonze yake: ebeya kulala nganto nina? kwakuya kuti, nxa akala kum, ndandule ukuva: ngokuba ndinofefe mna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba yingubo yakhe yodwa, yingubo yakhe yesikhumba; uzolala ngantoni? xa athe wabiza kum, ndiya kuva; ngokuba kulubabalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kuba kaloku yena kuphela kwesambatho anaso sokumfudumeza. Kakade ke ùthi úya kulala ngani? Ukuba ke úthe wakhala kum, ndiya kumphendula, kuba kaloku mna ndinovelwano.