Exodus 22:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba iyafunyanwa ngenyaniso esandleni salo into ebi̔weyo ipilile, nokuba yinkabi, nokuba liqwaṙashe, nokuba yigusha, lobuyekeza ngokupindiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ithe isela lithe lafunyanwa liphilile esandleni salo, mhlawumbi yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha; uya kubuya kabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Into umntu ayibileyo makayihlawule. Ukuba kuthe kanti ungumntu ongenanto, makathengiswe abe likhoboka ukubuyekeza ubusela obo. Ukuba ke inkomo, idonki, okanye igusha, leyo ayibileyo, ifunyenwe kuye isaphila, wohlawula zibe mbini ngenye.