Exodus 22:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni umntu anikela kummelwane wake imali, umhlaumbi impahla, ukuba igcinwe, ize ibi̔we endlwini yalomntu; ukuba liyafunyanwa isela, liya kubuyekeza ngokupindiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu:ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu; ukuba lithe lafunyanwa isela, maliyihlawula kabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa umntu egcinise omnye impahla ethile okanye imali, yaza ke yebiwa apho kuye, xa libanjiwe isela eliyibileyo liya kuyihlawula ngokuphindiweyo;