Exodus 22:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba alifunyanwa isela, umnini walondlu uya kusondezwa kubagwebi, abuzwe ukuba akolulanga isandla sake ngakuyo impahla yommelwane wake kusinina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe phambi kwabagwebi, akhangele ukuba akayiphathanga na impahla yommelwane wakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kanti ke xa lingafumaneki, umgciniswa lo uya kusiwa *esibingelelweni phambi kukaThixo, afunge ukuba ngenene le nto ibiweyo ayikho kuye.